Today, I had an honor to type out a letter for an elderly man. This letter contains instructions to a young couple that will be getting married this coming Saturday. Man, this is a letter from loving parents who desire their the best. Their daughter is truly blessed. As I listened to the instructions of this elderly man my heart was full of joy and heartbreak. Heart broken because marriage is not what it should be and many are the scars that have resulted from marriage. There's a realization that marriage is not for the fainthearted.
See the letter below. I'll try to interpret it when I have the time.
See the letter below. I'll try to interpret it when I have the time.
UMYALEZO OBALULEKILEYO
OBHEKISWA KWINTOMBI YETHU NOMKHWENYANA WETHU
SingamaSimango
siyayiyaleza intombi yethu kumyeni wayo umkhwenyana wethu, kwaye simthembile
umkhwenyana wethu ukuba uyakumgcina umntwana wethu de bohlulwe kukufa.
Luxanduva lwendoda ukuthanda umfazi wayo isithandwa sayo ngentliziyo yayo
yonke. Ngumsebenzi katata wekhaya ukukhusela umfazi wakhe nabantwana bakhe.
Isilumkiso sesokuba umkhwenyana maze angathengisi ngomfazi wakhe naphantsi
kweyiphi na imeko. Kwakhona siyaleza ukuba umkhwenyana angaze ambethe umntwana
wethu. Mababonisane kakuhle ngothando bucala xa omnye enento angayithandiyo.
Nentombi yethu xa inento engayithandiyo mayithethe kakuhle nomyeni wayo. Xa
abatshati benengxaki mabacebisane kwaye ingxaki yabo mayingangenwa ngomnye
umntu. Ukuba lengxaki abakwazi ukuyisombulula mabavumelane ukuba lengxaki
ibaxakile, kwakhona mabavumelane ukuba lengxaki mabayise bobabini kumntu
abamthembileyo. Kungenjalo bangaya kubantu abakhulu bekhaya ukuba
babasombululele loo ngxaki ephakathi kwabo. Nowuphina umntu osombulula ingxaki
yabatshati makangathathi icala kuba ngokwenza njalo angabohlula aba babini,
into ke leyo engafunekiyo emtshatweni. Kubalukile ukuba nobabini nifunde ukuxolelana
xa omnye ephazamile. Abantu abatshatileyo ngamawele kwaye bayathandana, bayaqumana,bayafelana,
kodwa abaphoxani, abalahlekisani ngokucebisana imfitshi-mfitshi (into engento).
Okwesibini
sileli khaya siyaleza umkhwenyana wethu kwintombi yethu. Intombi yethu ize
imhloniphe umyeni ngalo lonke ixesha. Intombi yethu ize imthande umyeni wayo
ngentliziyo yayo yonke nangomphefumlo wayo wonke, ingamoyiki umyeni wayo.
Intombi yethu mayibe ngumama kumyeni wayo imthuthuzele, imqinise, imkhuthaze,
imnike ithemba umyeni wayo xa esezingxakini. Intombi yethu maze ingamthengisi
umyeni wayo nangeyiphi na indlela. Intombi yethu maze imthembe ngalo lonke
ixesha umyeni wayo. Umfazi nendoda yakhe bayathembana kuba banenjongo enye
yokwakhana nokukhulisana. Umfazi nendoda yakhe they become one at all
times.
Intombi
yethu maze ingawangeni amayelenqe neentlebendwane zomzi wayo. Ngokwenza
ngolohlobo intombi yethu ingangcoliseka emzini wayo kuba abantu balomzi
bangathi intombi yethu ifike yaxabanisa amaNgwevu, into keleyo engamenza
iintloni umyeni wakhe.
Ukuze
abanye abantu bawuhloniphe umtshato wentombi yethu nomkhwenyana kunyanzelekile
ukuba bona bobabini baqale bawuhloniphe umtshato wabo ngalo lonke ixesha
baphathane ngembeko nothando. Mawubukeke uthandeke umtshato wenu emehlweni ethu
nasemehlweni abanye abantu. Umtshato wenu mawube ngumzekelo omhle nakubantwana
benu nakubantwana abakhulayo.
Abatshati
mabazinike ithuba lokuba bakhule baziphucule baphindele nasesikolweni ukuba
bayafuna. Ukutshata akuthethi ukuba umyeni nomfazi mababe ngoogximfi. Abatshati
mababe nenkqubela phambili ukunyusa umgangatho wentlalo nempilo yabo.
Umkhwenyana nentombi yethu baze basebenze nzima ukuze bangalambi. Masikhumbule
ukuba ukusokola kwabatshati kunciphisa uthando lwabo.
Le
yiminqweno engazenzisiyo ephuma kwelikhaya.
Abazithobileyo
Mr.
Luvuyo & Nolubabalo Geza