Thursday 30 August 2018

A LETTER FROM LOVING PARENTS

Today, I had an honor to type out a letter for an elderly man. This letter contains instructions to a young couple that will be getting married this coming Saturday. Man, this is a letter from loving parents who desire their the best. Their daughter is truly blessed. As I listened to the instructions of this elderly man my heart was full of joy and heartbreak. Heart broken because marriage is not what it should be and many are the scars that have resulted from marriage. There's a realization that marriage is not for the fainthearted.

See the letter below. I'll try to interpret it when I have the time.


UMYALEZO OBALULEKILEYO OBHEKISWA KWINTOMBI YETHU NOMKHWENYANA WETHU

SingamaSimango siyayiyaleza intombi yethu kumyeni wayo umkhwenyana wethu, kwaye simthembile umkhwenyana wethu ukuba uyakumgcina umntwana wethu de bohlulwe kukufa. Luxanduva lwendoda ukuthanda umfazi wayo isithandwa sayo ngentliziyo yayo yonke. Ngumsebenzi katata wekhaya ukukhusela umfazi wakhe nabantwana bakhe. Isilumkiso sesokuba umkhwenyana maze angathengisi ngomfazi wakhe naphantsi kweyiphi na imeko. Kwakhona siyaleza ukuba umkhwenyana angaze ambethe umntwana wethu. Mababonisane kakuhle ngothando bucala xa omnye enento angayithandiyo. Nentombi yethu xa inento engayithandiyo mayithethe kakuhle nomyeni wayo. Xa abatshati benengxaki mabacebisane kwaye ingxaki yabo mayingangenwa ngomnye umntu. Ukuba lengxaki abakwazi ukuyisombulula mabavumelane ukuba lengxaki ibaxakile, kwakhona mabavumelane ukuba lengxaki mabayise bobabini kumntu abamthembileyo. Kungenjalo bangaya kubantu abakhulu bekhaya ukuba babasombululele loo ngxaki ephakathi kwabo. Nowuphina umntu osombulula ingxaki yabatshati makangathathi icala kuba ngokwenza njalo angabohlula aba babini, into ke leyo engafunekiyo emtshatweni. Kubalukile ukuba nobabini nifunde ukuxolelana xa omnye ephazamile. Abantu abatshatileyo ngamawele kwaye bayathandana, bayaqumana,bayafelana, kodwa abaphoxani, abalahlekisani ngokucebisana imfitshi-mfitshi (into engento).

Okwesibini sileli khaya siyaleza umkhwenyana wethu kwintombi yethu. Intombi yethu ize imhloniphe umyeni ngalo lonke ixesha. Intombi yethu ize imthande umyeni wayo ngentliziyo yayo yonke nangomphefumlo wayo wonke, ingamoyiki umyeni wayo. Intombi yethu mayibe ngumama kumyeni wayo imthuthuzele, imqinise, imkhuthaze, imnike ithemba umyeni wayo xa esezingxakini. Intombi yethu maze ingamthengisi umyeni wayo nangeyiphi na indlela. Intombi yethu maze imthembe ngalo lonke ixesha umyeni wayo. Umfazi nendoda yakhe bayathembana kuba banenjongo enye yokwakhana nokukhulisana. Umfazi nendoda yakhe they become one at all times. 

Intombi yethu maze ingawangeni amayelenqe neentlebendwane zomzi wayo. Ngokwenza ngolohlobo intombi yethu ingangcoliseka emzini wayo kuba abantu balomzi bangathi intombi yethu ifike yaxabanisa amaNgwevu, into keleyo engamenza iintloni umyeni wakhe.

Ukuze abanye abantu bawuhloniphe umtshato wentombi yethu nomkhwenyana kunyanzelekile ukuba bona bobabini baqale bawuhloniphe umtshato wabo ngalo lonke ixesha baphathane ngembeko nothando. Mawubukeke uthandeke umtshato wenu emehlweni ethu nasemehlweni abanye abantu. Umtshato wenu mawube ngumzekelo omhle nakubantwana benu nakubantwana abakhulayo.

Abatshati mabazinike ithuba lokuba bakhule baziphucule baphindele nasesikolweni ukuba bayafuna. Ukutshata akuthethi ukuba umyeni nomfazi mababe ngoogximfi. Abatshati mababe nenkqubela phambili ukunyusa umgangatho wentlalo nempilo yabo. Umkhwenyana nentombi yethu baze basebenze nzima ukuze bangalambi. Masikhumbule ukuba ukusokola kwabatshati kunciphisa uthando lwabo.

Le yiminqweno engazenzisiyo ephuma kwelikhaya.

Abazithobileyo
Mr. Luvuyo & Nolubabalo Geza 





No comments:

Post a Comment

Thankful Wednesday: the good men that I cross paths with

I love my job because I get to meet people from different walks of life. There's been one elderly man who has become a father figure to...